48 BONA XHOSA - July 1999
osoloko ehleli exhaleni. lpolisa eliphanda ngokubulawa
kukaNontombi Iithi abakabambi mntu ngeso siganeko kuba umtyholwa walahleka emva kweso siganeko. Kodwa uyibethelele into yokuba amapolisa ayaqhubeka nokumbhulisa nasezicithini.
Siyayifumana imizimba yabantu kwela liwa. Kuba eminye siyifumana sele ibolile okanye ingamathambo izihlobo zabo bantu zibabona ngempahla abayinxibileyo, utsho ulnspector Mchunu osisithethi samapolisa aseMolweni.
Uthe kukho abarhanelwa
ababanjiweyo ngokwayamene nemizimba efunyenwe kweli liwa. Abanye abarhanelwa sebekhe bavela enkundleni. Ukanti abafunyenwe benetyala bagwetyiwe.
Andizange ndonwabe ukususela ngo-l993 emva kokuba ndinyanzelwe ukuba ndiyeke umsebenzi wokuba lipolisa ngenxa yokuba awukhuselekanga. Emva koko izinto azizange zihambe kakuhle phakathi kwam neentombi endandincuma nazo. Ndandiba solobola le ntombi indilaxaze okanye indale. Iintombi endincuma nazo azisafuni kundimamela kuba andisebenzi. Ezinye zingamanxila. Yandicaphukisa indlela eziziphethe ngayo. Ndacinga ukuba kubhetele ndizibulale, utshilo uBongani xa ebethetha ngokuzama ukuzibulala kwakhe.
Unina uMirriam usoloko exhalabile ngonyana wakhe. Kukaninzi ezama ukuzibulala. Kukahlanu ezama ukuzibulala ngokusela ityhefu, kodwa besiye sithethe naye ukuba angayenzi into enjalo. Kwesinye isihlandlo umntakwabo waqhawula intambo owayezixhoma ngayo egumbini lakhe.
Ngaphambi kokuba azame
ukuzibulala kwisihlandlo sokugqibela, uBongani waxelela abahlobo bakhe izizathu zokuba afune ukuzibulala. Bamcenga ukuba aphindise umpu womsebenzi awayesithi uza kuzidubula ngawo. Kodwa oko akuzange kumnqande uBongani kuba uye wazama ukuzibulala ngokuziphosa kwiliwa lokufa.
Ndavalelisa kwintsapho yasekhaya ndaza ndabaleka ndaya ngaseliweni. Umntakwethu wazama ukundibamba ngengalo kodwa ndaphuncula ndabaleka. lnto endisayikhumbulayo emva koko kuxa ndandiphezu kweliwa, andizi ukuba kwenzeka ntoni emva koko.
4 Usapho
IwakwaMthethwa olukhathazekileyo ngentombi yalo eyafela kweli Iiwa:
uBoxer ongumntakwabo kaNontombi, uAndrias onguyise, nonina uMaria.


akafuna ukunyangwa.
Ndaxelela ugqirha nabongikazi ukuba bandiyeke ndife. Baye bandiyeka emva
kokubona ukuba ndinomsindo yaye andiva kucengwa. Umntakwethu owakunye nam esibhedlele wafowunela ekhaya ukuba mandilandwe. Ndathatha iibhandeji neepilisi zeentlungu kuphela esibhedlele. Ekhaya andizange ndibuzwe mntu ngokuphuma kwam esibhedlele kuba babesazi ukuba xa nditsho into andijiki kuloo nto, utsho uBongani.
Kwakunzima ukuhamba nokusebenzisa iingalo kuBongani, nokutya esitya nzima. Kwakunzima nokuya ngasese, kuba ndandiziva ndinenzululwane. Ndahlala ndingatyi iiveki ezintathu ndisela ijusi kuphela, utsho uBongani.
Nangona uBongani esaphila emva kwamalinge amaninzi okuzibulala ingxaki zakhe azikapheli. Uthi isengazama ukuzibulala kwakhona xa ungawufumani umsebenzi.
lyandikhathaza gqitha into yokungaphangeli. Maxa wambi ndikhe ndizivalele egumbini lam ndilale. Ndiba nemini zokulala imini nobusuku bayo. lxesha elininzi ndizihlalela ndedwa kuba andifuni ukuhlala nabantu abonwabileyo ndibe mna ndingonwabanga.
Abahli baseMolweni bathi baye beve ngevumba ukuba kukho omnye umzimba womntu ezantsi eliweni.
UMchunu osisithethi samapolisa uthe: lkho imbono yokuba lifanele libiywe eli liwa, kodwa andikholwa ukuba oko kunganqanda abantu bayeke ukuzibulala. Bangazibulala abantu nangezinye iindtela. Kwintlanganiso yethu neenkokeli zoluntu eMolweni, kuphakanyiswe imbono yokuba kufanele kuqale kususwe imizi eyakhe kufutshane neliwa eli.
UNqaba Sibiya onguceba waseMolweni umngqine(e uMchunu ukuba kufuneke kususwe abantu abakhe kufutshane neliwa. Uthe kungaba ziindleko ukubiya eli liwa. Ndicinga ukuba into engenziwa okwangoku kukufundisa abantu ngengozi yeli liwa nokubeka iibhodi ezilumkisa ngengozi yato, utshito uNqaba. l
UMiriam uchaza izinto ebezisenzeka kunyana wakhe. 

--
Amalungu eDurban Search and Rescue Unit afuna imizimba yabantu eseliweni ehamba ngehelikhoptha.
Ngethamsanqa uBongani wawela emthini engekafiki ezantsi eliweni, wenzakala emlenzeni, engalweni nasentloko, namazinyo akhe aye axega. Usapho lwakowabo lwafowunela iSearch and Rescue Unit eThekwini eyahlangula apho emva kweeyure ezine.
Yabuya ingqondo kuBongani elaliswe eRK Khan Hospital eChatsworth waza
KELLY UYE ETHANDWA GQITHA
!
UHobert KeIly owaziwa ngokuthi nguR. KelIy
kumaqonga omculo uzuze iGrammy A wards,
uthengise amacwecwe eplatinam amaninzi kumazwe ngamazwe, namacwecwe akhe ankqnkqeza phambili, naphi na amatikiti eekonsathi zakhe athengwa onke ngoku
ukhuphe elinye icwecwe elibalaseleyo kule
minyaka ilishumi nelibizwa ngokuthi H.
yiEMl MUSIC
B
 ALI likaRobert Kelly liqale eminyakeni engama-30 edlulileyo kwimizi eyadilizwa yimimoya kumazantsi asoChicago.
Uyise wathi shwaka, oku kwambangela akhuliswe ngunina. Eminyakeni embalwa edlulileyo udutyulwe ekhwele ibhayisikile kumelwane oluneendlobongela -inxalenye yaloo mbumbulu isesegxalabeni lakhe de kube namhlanje.
Kodwa kobo bunzima uRobert ukwazile ukuvelisa iziphiwo ezibalulekileyo: kwibasketball nasemculweni, isitrato simncedile kwiziphiwo zakhe.
Kuqala buqhula - mna
namakhwenkwe am sasidlala esitratweni, ukhumbule oko.
Kwalile ndisacofa uhadi omnye umfo walahla umnqwazi baza abantu baqala ukufaka imali kuwo. Oko kwaba sisiqalo sento yethu.
Ndiqhubeke ndisebenza ngolo hlobo, utshilo.
Baqalisa ukutsala izihlwele ezitratweni zasechicago namapolisa ethe phithi emva kwabo.
Ekugqibeleni uRobert wasungula MGM, iingqondi kwiR&B, nezaphumelela kumboniso othi Big Break kumabonakude apho kwakufunwa iziphiwo.
Kuthe ngo-1991 uR KeIly watyikitya isivumelwano nejive Records. lsiphumo kwaba yiBorn lnto The 90s nekhululwe ngo-1992 neyazuza ugxeko-ncomo. Oku kuqulunqweyo kwakungumxube wesoul nejazz ixutywe nerap. Eli cwecwe libe leleplatinam eUSA, ukukhenkotha kwakhe eUK kwaba yimpumelelo kwezentengiso.
lcwecwe elilandelayo likaR. Kelly elithi 12 Play Iizuze iplatinam nengoma ethi Your Bodys Gallin, laba lelona latshatshela kwiUk Top 20
ebutsheni bango-1994. Lilandelwe lelithi Shes Got That Vibe nelaphuma kwindawo yesi-3. Elithi Bump n Grind Iaphuma kwindawo yesi-8.
Ngo.1998 uR. KelIy ubuyele eUK nemiboniso yakhe inamatikiti athengwe kakhulu eWembley Arena nakwiBirmingham NEC.
Umculo kaR. Kelly nokucula ngqo phambi kwezihlwele yeyona nto ithandwe kakhulu eBritani okweminyaka. lmiboniso yakhe ibibangela abantu batsho ngentswahla yemincili, bebejuxuza besonwabela iingoma zakhe.
Kuba eye wazibalula njengemvumi uR. Kelly uye wabhala, waprodyusa waxuba evanga waza wazibona efunwa ngapha nangapha.
Kuthe ngo-1995 waxuba wavanga ingoma kaJanet Jackson ethi Anytime, Any place phambi kokuba abhale aze aprodyuse kwanokuhlengahlengisa ababesombelela uMichael Jackson
UR.
BONA -l999
BONA XHOSA - July 1999 53
kwethi YouAre Not Alone. Le ngoma itshatshele kumazwe ngamazwe. Kwiminyaka emibini elandeleyo ubhalele uLuther Vandross ingoma ethu When You Call My Name.
Kwakweso sithuba ubhale waprodyusela ingoma egqweso kumazwe ngamazwe yechanging Faces ethi G.H.E.TT.O.U.T., ube lundwendwe kwicwecwe elithi Life After Death likaNotorious BIG.
Ukwabhalele, waprodyusela waza wacula kunye noMary J. Oblige kwethi lts On ukanti ukwenjenjalo nakuToni Braxton kwethi l Dont Want To.
Ube negalelo kwingoma ethi
Every Nation yeRed Hot R&B A1I
Stars, ekwagabulela izigcawu
kwicwecwe elithi / Believe / Can
Fly	leMovie Space Jam. Le mbali ibangele umsebenzi
wakhe wothulelwa umnqwazi, ethengisa ngaphezu kwezigidi ezihlanu zamacwecwe ehlabathini nto leyo embangele wayizuza kathathu iGrammy Awards ngo-1998 - ngeNgoma Ebalasele Kwiifilim, Ebalasele kwiR&B, kwanokoMbelela iR&B.
UKelly ulandelise ngecwecwe elithi Gotham City elibalasele kwiTop 1O neyathathwa kwifilim ethi Batman Forever.
Ngo-1998 uRobert ubelundwendwe ekuxutyweni kuvangwe ingoma kaWycleaf Jean ebibalasele ethi Gone Till November, ukwaprodyuse ingoma kaKelly lrice exuba evanga ekwalundwondwe kwingoma yakhe ethi Friend Of Mine.
Mvanje uye wasebenza noyena mntu ubalaseleyo uSparkle ocwecwe lakhe aliprodyusa waza walibhala ukanti kwingoma yakhe yokuqala ayicula naye ithi Be Careful.
Okona kube phambili kuR Kelly kwiminyaka emibini kube licwecwe iakhe elitsha elithi R, eliye labalaselisa iingoma enjengale ethi / Believe / Can Ry, ethi Gotham City nethi HaIf On A Baby.
Kukho negalelo elivela kukeith Murray, uNoreaga, uCamRon noSparkle. Oku kubangwa njengomxube onik umdla kwiingoma zasesitratweni nakwiiballads ezimnandi.
Oku kusuka phaya kwiikona zezitrato zaseChicago kodwa noko ibali IikaR. Kelly Iibukeka lingekapheIi.
U kuze ube sethubeni lokuzuza enye yedouble CD ezili-1O zamvanje zikaR Kelly bhala igama lakho, iminyaka nedilesi kwiposkhadi uze uyithumele apha:
BONA/A KELLY JUNE CD GIVEAWAY
Box 26O
Johannesburg
2000
Kuyo yonke indawo kwiGrahamstown Festival uza kusoloko ubona into engaqhelekanga.
kufote uVAL ADAMSON

I
 DOLOPHU yaseRhini yayibizwa ngokuba yindawo yeengolosi nabafundi ngenxa yeyunivesithi, izikolo neecawa ezikuyo. Kodwa ngoku yaziwa kakhulu ngomnyhadala wobugcisa oqhutyelwa kuyo rhoqo ngoJulayi -mnyhadala lowo ubhiyozela iminyaka engama-25 kulo nyaka.
Njengoko uMongameli uNelson Mandela oludwendwe oiubalulekileyo lwalo mnyhadala esitsho ukuthi:
Amagcisa anesiphiwo nabantu abawuthandayo bawe nze lo m nyhad ala wayeminye ebalulekileyo ehlabathini.
Xa wakuqaia lo mnyhadaia ngo.1974 kwakukho imiboniso engama-64 kwinkqubo yawo. Emva kweminyaka elishumi uqhutywa abakwaStandard bank baqale ukuwuxhasa ngemali, nto leyo iwenze wanemiboniso engama-350 etsala ngaphezulu kweendwendwe
ezingama-25 000. Ngokucacileyo akukho hlobo
Iobugcisa oiungekhoyo kulo mnyhadala kwaye ubusoloko uvulelekile kumntu wonke, walo naluphi na uhlanga, ibala, isini okanye inkolo. Nangona isingesi ilolona lwimi iusetyenziswayo, umnyhadala ubonakaiisa ubumnandi bamasiko aseMzantsi Afrika esiZulu, esiXhosa neSibhulu.
Ngenxa yokuba kungekho mithetho yokuhluza iincwadi okanye bugcisa ebekelwe imisebenzi eyenziwa kulo mnyhadala, ibiliqonga elibalulekiieyo lezopolitiko neqonga loqhankqalazo ngeemini zengcinezelo. Kulula ukufikelela kubadlali - inkqubo yayo ivulekile kubobonke abathabatha inxaxheba njengoko kufuneka babhalise babhatale imali eza kumelana nezinto ezinjengokuboleka izixhobo kwaye baza kunikwa indawo.
Umxhasi womnyhadala, iStandard Bank, ikwazibandakanya kwiinkqubo zophuhiiso, eziquka amaqela abadanisi,
i-Umthathi Fabric-painting Project, iphulo leStudiyo elinceda ulutsha olunamagcisa asavelayo asuka kwiindawo ezihlelelekileyo ukuba athabathe inxaxheba kulo msitho neEncounter Arts Project, enikeza ngamatikiti kumaqeia ahleieiekileyo ukuba azimase iimveliso ngeemveliso. Abasaqeqeshelwa ukuba ngamagcisa abasuka kwinkqubo yophuhliso ethabatha iminyaka emibini yaseStandard Bank bebezile kulo nabo, kodwa beze kufumana amava aluncedo.
KuIo nyaka ezinye iimveliso abanokuzifumana bosebenza kuzo ziquka:
l-Boots!: igama lesizwe lemisebenzi emitsha elisuka kwiqela iAishile Gumboot Dancers eSoweto - imelene nokhuphiswano olunzima lweStomp, umboniso kazwelonke waseUK oxhomekeke kuphela kwizandi ezimangalisayo ezenziwa yinto yonke kuquka iziciko zemigqomo yenkukuma, kwizinto ezilayita icuba neebhegi
Kuza kubakho ingxikela yetheko lokubhiyozela umhla wokuzalwa eRhini njengoko owona mnyhadala mkhulu waseMzantsi Afrika wobugcisa uza kube ubhiyozela ukugqiba iminyaka engama-25
iquunqwe nguPATR1C1A McKEN

.lngangumdlalo wechild Of the moon kodwa kusenzima ukufumanisa ukuba isekho  into edangaleyo kumnyhadala omhle eRhini.
kufote uJOHN INELL
MASIBH1YOZE




